





Umama wakhe wacela ukuba amtyelele eJohannesburg . Ndavuma. Yaba kukuhamba kwakhe oko akabuya.
Ndeva ukuba uyamodela kodwa akazange abe nanto imdibanisa nam de ndambona kumabonakude ephumelele njengoMiss Gauteng, emva koko wanguMiss South South .
Ndizingcile ngempumelelo yakhe njengabanye abantu. Ndiyamvuyela kodwa into endingayithandiyo kokuthethwa nguJumaima ukuthi umkhulise ngokunokwakhe. Ndim owasebenzisa nepeni yam yokugqibela ndimfundisa, utshilo.
ElikaJumaima Khumalo ibali lithi:
Ndandisebenza efama ndimbeleke emqolo uNonhlanhla. Uthe xa eneminyaka emihlanu ubudala savumelana noninakhulu wakhe ukuba amthabathele kuye.
Ndandisenzela ukuba afunde kwisikolo sabeBala. Wabhaliswa ngefani katata wakhe, uErasmus . Sasivumelene noninakhulu ukuba amfundise - nto leyo ayenzileyo.
Uthe xa eneminyaka eli- 17, esakugqiba ibanga leshumi wabuyela kum. Wayefuna ukuqhubeka nokufunda kodwa ndandingenayo imali .
Waba nethamsanqa kuba wayefuna ukumodela waza wadibana nenenekazi
elamthandela kona. Wanikwa idilesi yalapho emakenze khona izifundo zokumodela - endandinako ukuhlawula iindleko zazo.
Uthe akuphumelela wamana efumana imisebenzi yokumodela . Nanjengoko kwaba ngumsebenzi oty'imali ezimpahleni nasekukhenketheni, wafumana indawo yokuhlala edolophini , utshilo uJumaima .
Ebuzwa ngobudlelwane phakathi kwakhe noLinah Sosan Dunn , uthe
zange kubekho ngxabano phakathi kwethu. Lona igama elithi Peggy Erasmus yayilelokufunda. Andizange nditshate noyise kwaye ngokwesiko lethu bantu abaNtsundu, umelwe kukubizwa ngefani yam enguKhumalo.
Ndithe ndakumthabatha
ndayitshintsha kwakhona ifani yakhe yanguKhumalo, uchazile.
Ngethuba engenele amanqam okhuphiswano lukaMiss SA eSuperbowl eSun City , umama wakhe wayekho buqu kanti uninakhulu wayebukele kumabonakude eseNewcastle .
Andicinganga ukuba uzakuphumelela kodwa ndathi gqolo ngokuthandaza ukuba aphumelele. Bathe bakubizwa abaphume kwindawo yesithathu neyesibini, kwathi mandiphume eholweni .
Kodwa kuthe kwakubhengezwa
ukuba nguye ophumeleleyo ndasikwa yinimba. Njengomama wakhe ndiza kumxhasa kangangoko efuna. utshilo uJumaima .
Nangona kunjalo, ULinah Sosan Dunn ucaphuke wathi: Uphumelele, ndimnqwenelela okuhle, kodwa isithsaba sesakhe nonina, ayisosam!
Ekukhuleni kwakhe uPeggy-Sue ubengumntu okrele-krele nothe nkqo, utsho umama wakhe. Bendisoloko ndinomnqweno wokuba abe ngunongendi nanjengoko ndimkhulise nzima. Umnqweno wam ibikukuba angasokoli njengam.
Ukukuphela komntwana endinaye kwaye ndimnqwenelela okuhle kodwa, utshilo.
Ukunazisa, udadebawo kaPeggy-Sue , uMavis Hamley , uzikhabile iingxelo zamajelo eendaba zokuba uPeggy-Sue usandul' ukumazi uyise. Ubemazi kakuhle uyise, eyona nto nje kukuba umnakwethu akazange amondle okanye amthathe njengentombi yakhe.
Wazi kakuhle ukuba utshatile kwaye uhlala eThekwini. Iyandikhathaza into yokuba eza kuyombona eJohannesburg . Uqale nini ukwazi ukuba uPeggy yintombi yakhe? Mhlawumbi ngenxa yokuba enguMiss South Africa . Sies ! utshilo uMavis ecaphuka. 






I-King of African Rhythms okanye i-Magic - Guitarist ngamagama amchaza kakuhle
USimba Morri.	
Kodwa ngubani lo                 ISINGQI																														
mfo kuthiwa
nguSimba Morri.
UGrace Phiri uthethe
ngqo noSimba Morri.
saseAfrika sika-
Simba
Morri

USIMBA Morri yingcali ekukhaliseni ikatala eAfrika. Abathandi bomculo bamkhumbula ngecwecwe lakhe lokuqala ethi Wasamata.
Wazalelwa kwisithili saseNarok eKenya ungowesizwe samaMasai . Unina owayengumlonjikazi, wayecula edlala ipiyano kwicawa yabo.
USimba uthe: Ndiyamthanda umama, undifundise ukuhlonipha.
USimba ulaze esemncinci ikhondo emakalithabathe: isidanga saseYunivesithi seCultural and Social Anthropology , wasiphumelela kwiYunivesithi iWitwatersrand eJohannesburg .
Ngo-1983, esengumfundi eWits uSimba usungule iqela lakhe
lentambula ekuthiwa ngaMapantsula. AMapantsula aduma ngezoo mini kwezempucuko. Eli qela laqhekeka kamva, uSimba Morri wacula yedwa. Oku kumbangele wacula kulo lonke eli nakwamanye amazwe aseAfrika.
Igalelo lakhe kweli alinakungahoywa xa kuthethwa ngomnyhadala wezenkcubeko, iikhonsathi zokunyusa inkxaso- mali , kwanakwezeepolitiki . USimba uye walundwendwe oluhlonitshiweyo eUmzantsi Cultural Centre Festival ebiseClaremont eThekwini.
Ingoma ethi Unity nethi Celebrating Life ziye zakhethwa zaza zasetyenziswa KwiSABC Election Unit xa bekunyulwa oorhulumente bakamasipala .
U-1995 ube ngowona nyaka uxakekileyo kuSimba Morri kuba ebekhenketha kweli. Ukwaxhase uCrosby , uStills noNash kwiStandard Bank Arena eJohannesburg .
USimba uwubiza umculo wakhe ngokuthi yi-Mashariki Muzik -ngumxube wesingqisho nesimbo esiquka umculo weengcungcu eKenya, umculo isuka kuMbindi weAfrika, iChimurenga eZimbabwe uMbhaqanga nomjuxuzo waseMzantsi-Afrika naseMozambique .
USimba uhlala yedwa kwizakhi zale mihla zabantu abangatshatanga. ixesha elininzi ulichitha efunda ukuba akuculi iingoma zokunceda abasweleyo.





44 BONA XHOSA - November 1996
ibafana bafana
Iziintshatsheli zeFour Nations Kwakhona







UMphathiswa wezeMidlalo, uSteve
Tshwete neNkulumbuso yaseNorthern
Province , uNgoako Ramatlhodi, bonwabile
xa ukapteni woMzantsi-Afrika, uNeil
Tovey , ephakamisa iSimba Four Nations
Cup .





Mzantsi-Afrika ugqwesile kwakhona kwimidlalo yeSimba Four Nations Cup , wabonisa ukuba ulelona lizwe liwunyusileyo umgangatho wokudlala ibhola eAfrika. Ukuphumelela kweBafana Bafana kule midlalo kubonise nokuba yayizuza ifanele iAfrican Nations Cup ebutsheni balo nyaka.

kubalisa UWILLIE BOKALA
kufote ULUCKY NXUMALO



OKUBONAKALE kuyimpazamo eyenziwe ngumqeqeshi weqela lebhola lelizwe laseMzantsi-Afrika, uClive Barker , nokuthi iqela laseGhana lize apha lizimisele ngokuziphindezela ngokubethwa kwalo,
kwenze la mazwe adlala ngokuntanga-nye emdlalweni wokugqibela weSimba Nations Cup obuseLoftus Versveld Stadium ePitoli .
Ukudlala ntanga-nye kwala mazwe kuyiphoxe kakhulu iAustralia . Iqela layo leSocceross elibe liqela lokuqala ukudlala kule midlalo livela ngaphandle kweAfrika, belithandazela ukuba ubethwe uMzantsi-Afrika. Belidlale kakuhle gqitha lona emdla1weni wokuqala ngokubetha iKenya ekungekho nto yayo, ngamanqaku ama-4 kwimbande yesikhova.
IBafana Bafana ibonisile ukuba kukhonya yona kolu khuphiswano oko lwaqalwa kwiminyaka emithathu edlu1ileyo ngokudlala ntanga-nye neGhana ngo-O-O yaza yafumana iipoyinti ezisixhenxe, lo gama iAustralia ifumene ezintandathu, kanti iGhana ifumene ezine. Seyiyizuze iminyaka emithathu ilandelelana le ndebe, kodwa kunyaka wokuqala yayiphumelela kunye neCameroon .
Mhlawumbi iKenya isindwe kukuba
ibiqala ukudla1a kule midlalo.Yiyo kuphela egoduke ingenayo nepoyinti enye, ingafakanga nenqaku elinye kwimidlalo emithathu eyidlalileyo. Iqela loMzantsi Afrika lifumene intywenka ye-R200 000 ngokugqwesa kwalo kule midlalo.
itumente yalo nyaka ibe yimpumelelo kuneminyaka yangaphambili. Emlenzeni wokuqala odlalelwe eKings Parks Stadium eThekwini, bekukho inkungu nelanga yabathandi bebhola ababukele uMzantsi-Afrika ubetha iKenya ngo-1-O, iAustralia ibetha iGhana ngo-2-O.
Emlenzeni wesibini eJohannesburg Stadium uMzantsi-Afrika ubethe iAustralia ngo-2-O, kanti yiyo ebekujongwe ukuba iza kugqwesa kule tumente. IGhana yona ibethe iKenya ngo-1-O.
UMzantsi-Afrika uye kudlala umlenze wesithathu wale midlalo unkqenkqeza phambili ngeepoyinti ezintathu, kwaye wonk'umntu ubewubona ukuba usethubeni lokuyiphumelela. Oko












4	UJerry Skhosana
uzama
ukugqitha
kumdlali
waseGhana, kodwa
akakhange
afake nqaku kulo mdlalo, uphele la mazwe
entanga-nye ngembande yesikhova.










UFoster Bastios weGhana uxhume ngaphezu kukaMark William , lo gama abadlali ababini baseGhana belindele ibhola ephuma kubo. UBastios ufumene ikhadi elibomvu emva kwesi senzo.
bekubonakala kumawaka-waka abalandeli abazalise iLoftus Versveld bezowukhuthaza. Kodwa iAustralia itsho abalandeli banexhala lokuba ungangazaliseki umnqweno wabo ngokusuka itywatyushe iKenya ngo-4-O emdlalweni wokuqala. Oko kwenze yalingana neBafana Bafana ngeepoyinti ezintandathu. Oko kuyenze yanqwenela ukuba iBafana Bafana ibethwe yiGhana ngamanqaku amancinane, ukuze yona iphumelele ngamanqaku amaninzi ewafakileyo.
Phofu ke akukhange kubenjalo. Iqela lasekhaya liye lazimisele xa beliqubisene neGhana emdlalweni obunzima. Kucacile kulo mdlalo ukuba iGhana ibizimisele ukuziphindezela kwiBafana Bafana nangona ibidlale kakubi xa ibiqubisene neAustralia . Umqeqeshi weGhana, uSam Arday , uvumile emva komdlalo ukuba beze kule tumente kuba befuna ukuziphindezela kuMzantsi-Afrika ngokubabetha kabini kwimidlalo yangaphambili.
Ebezimisele omabini la mazwe emdlalweni obuseLoftus Versveld . Kodwa uphantse wonakala kukukhutshwa kwabadlali ababini baseGhana noSizwe Motaung weli ngusompempe, uSuliman Gharib .
Kuqale kwakhutshwa uShamo Quaye , kwalandela uMotaung, kwaza kuba nguFoster Bastios .
UClive Barker ube ngathi uyayona indlela ebelidlala ngayo iqela leli ngokukhupha uThomas Madigage obedlala kakuhle kakhulu esiswini, kwaye oko kwenze safa isisu.





Abadlali beqela lelizwe neNkulumbuso yaseGauteng , uTokyo Sexwale noMphathiswa wezeMidlalo, uSteve Tshwete (ongasemva), babhiyozela ukuphumelela indebe yeFour Nations .
	BONA XHOSA - November 1996 45

